ulwaphulo-mthetho
Iziphumo zempindezelo
Etshiswe watshintsha xa kwakuhlaselwa ngeasidi phofu kungajoliswe kuye,
uEvelyne Minto Essono noko uyalufumana ukhuthazo ukuze le nkulungwane intsha
agagane nayo ephila ngokutsha Ñ ngenxa yobubele babantu angabazi
kubalisa uBRONWEN JONES
ICAWA YOWE-18 NGO-OKTHOBA uEvelyne Minto Essono yimini angasoze
ayilibale Ñ iluphawu nasebusweni bakhe. Kwakungo-1998 xa wahlaselwa
ngeasidi kwathi kanti bahlasela umntu ebebengamele. Le asidi yaxobula ulusu
entloko, esifubeni nasezingalweni, imshiya ebukeka kakubi. Ngoku uEvelyne
onama-25 wayefudula eyinzwakazi elangazelela ukuba azuze imali ukuze ancede
umnakwabo nabasakwabo bafunde bagqibe aze ngenye imini atshate abe nabantwana.
Ubehlala eLibreville ikomkhulu leGabon embindini weAfrika. Nakuba eqale
ukufunda ene-10 leminyaka noko wakwazi ukuyipasa ibaccalaureat yakwelo
ekuyiMatriki apha eMzantsi Afrika. Ngeeholide nangeempelaveki uEvelyne
ubeyireceptionist kwiAfrica No 1 nekusesona sikhululo sosasazo sihlonitshwayo
kwelo. Uzalwe kusapho olukhulu olonwabileyo nakuba bobabini abazali bakhe
basweleka, abantwana oomakazi noomalume bayabambisana ekuncedisaneni.
Uthe utata kaEvelyne akusweleka waya kuhlala kunye nomakazi wakhe
uHuguette Ndzigue kwifleti enegumbi lokulala elinye ekwihlomela-dolophu
laseSotega, umfundi weaccountancy ne-English eyunivesiti nomdala ngeminyaka nje
emibini kunaye. Le flethi iyenye yeeflethi ezine kwesisezantsi kwesi sakhiwo.
Inegumbi lokuhlala, igumbi lokulala, ikhitshi kunye nendawo yokuhlamba.
Kwelinye icala elinabamelwane bakhe ngamadoda kuphela aminyaka ekuma-40.
Kwelinye icala linenekazi elinama-20 eminyaka kunye nomsakwalo okwishumi
leminyaka elivisayo. Kufutshane nabo linenekazi elihlala lodwa elinguRosette.
UEvelyne ubebabulisa abamelwane bakhe kodwa engabazi kuba usoloko
exakekile ephangela, efunda, esiya enkonzweni ekwatyelela nosapho lwakhe.
Ubenesinqanda mathe sakhe kodwa engaziphathi okukamakazi wakhe uHuguette.
UHuguette ebethandana ithuba elide nendoda etshatileyo uLouis-Martin Ñ
kukuziphatha kakubi kwale ndoda okwabangela iziva ebomini bukaEvelyne.
Ngaloo mini yelishwa echazwe ekuqaleni kwenqaku uEvelyne wemka kowabo
ngeye-9 kusasa esiya ecaweni. UHuguette akazange aye, uthe udiniwe. Ithe
yakuphuma icawa uEvelyne watyelela obeluncedo kuye uSamuel Obame Zogho nentombi
yakhe ngelantshi. Emva koko waphangela waya kwisikhululo sosasazo ngeye-3 emva
kwemini waza wafika kowabo ephuma emsebenzini malunga neye-8:30 ngokuhlwa. Apha
ngaphandle kule flethi kwakumnyama negama lesitalato lingabhalwanga, ukanti
sincinci. Xa usiya kule flethi zimbini iindlela onokuzisebenzisa. UEvelyne
wahamba engenaxhala kanti ke neSotega ayinabungozi.
UHuguette wayengekho, uEvelyne watya isopholo, wakhulula iimpahla
ebephangele ngazo. Ubediniwe nanjengoko ubusuku kuloo mmandla wenjiko-langa
buthanda ukuba shushu wayokulala enxibe nje impahla yakhe yangaphantsi kuphela.
UEvelyne wakhawuleza walala kodwa ethubeni wavuswa kukuva kunkqonkqozwa,
wabhinqa nje itawuli, wabuza esithi, ÒNgubani lowo?Ó Bekumalunga
neye-10 ngokuhlwa. Uve ilizwi likaLouis-Martin Wora Ñ isinqanda-mathe
sikaHuguette abethandana naso kwiminyaka emine okanye emihlanu.
Eneminyaka ema-40 ebengumphathi kwisebe locwangciso lukarhulumente.
Inkosikazi yakhe nabantwana babo babehlala kwihlomela dolophu ekuthiwa yiGlass.
UEvelyne ubemazi kakuhle uLouis-Martin kube ebethandana noHuguette kodwa
ubengazi ukuba inkosikazi yakhe iyazi okuqhubekayo. Nakuba uEvelyne engazange
ayigxeke le ndlela baziphethe ngayo wayengakholelwa kwelokuba bekufuneka
athethe ngayo.
Eqonga ilizwi lakhe, uvule ucango kwangena uLouis-Matin. Ubephelekwa
ngumhlobo wakhe naye oyindoda nangazange wambona ngaphambili kunye nomnakwabo.
Babemphathele iibhanana uHuguette. UEvelyne ubuzile ukuba uLouis-Martin
angathanda ukulinda de abuye kusini na umakazi wakhe, kodwa lo mfo uphendule
wathi akanako uza kubuya ngengomso. UEvelyne ubuyele ezingubeni.
Apha kufutshane kukho nezinye iiflethi nazo ziziindidi ezine. Kulula
ukubona umnyango ongaphambili wakuloEvelyne xa uhleli kuzo. Nenekazi lithile
eliminyaka ekuma-20 nelinguHermine lihlala kwenye iflrthi nesinqanda-mathe
salo, likrobile ngaphandle labona inenekazi elithwele iqhiya linika inkwenkwana
ikhonteyina yeplastiki.
Ngelo xesha akazange acinge nto kodwa iintsuku kamva uHermine nomnye
ummelwane uMeme bayibona le khonteyina kwiflethi ahlala kuyo uEvelyne. Babona
uHuguette elahla le khonteyina netawuli ekrazukileyo. Imizuzu emihlanu
sehambile uLouis-Martin namaqabane akhe kwankqonkqozwa kwakhona apho ahlala
khona uEvelyne. Yena wacinga fanÕ ukuba nguLouis-Martin Ñ
mhlawumbi kumelÕ ukuba kukho nto ayilibeleyo. Wavula nje ucango
engabuzanga ukuba ngubani. Kwakungasekho thuba lakuvala umnyango ukuzikhusela
kuba inkwenkwana yayiphosa kuye le khonteyina yeplastiki enokubumanzi. Le
nkwenkana inxibe umnqwazi obukhanya enomphetho ophendulweyo. YayingangoEvelyne
inde kangange-1,54 mitha, mhlawumbi ingaphezulwana nje kancinci kunaye.
Le asidi yamtshiza ebusweni, esifubeni nasezingalweni. Amathontsi ayo
athontsiza emqolo nasemilenzeni. Zisuka nje waqaqanjelwa, wagodola kakhulu.
UEvelyne akazange adibane nale nkwenkwana ngaphambili ukanti akazange aphinde
ayibone. Akayazi, kunokwenzeka nayo yatshizwa yile asidi.
Yabaleka le nkwenkwana noEvelyne wakhala ecelÕ uncedo. Waya
kwenye iflethi efuna uncedo kodwa omnye umfo owaphendula wakroba nje
waluvalÕ ucango. UEvelyne uthi kunokwenzeka yathuka kuba wayehamba
z, okanye isiva ivumba lesikhumba elalinuka. Wankqonkqoza kwiminyanga
ngeminyango kodwa kunani ukuba ancedwe. Waqhubeka ekhala efuna uncedo.
Ngelingeni nenekazi lithile ekuthiwa nguNadege leza lisuka kwisitrato
esingekude kangako. Lamgalela amanzi uEvelyne kodwa loo asidi yayisele
imenzakalisile. Labiza iteksi ibalekisele uEvelyne eCentral Hospital. UHuguette
wafika wahamba nabo ngeteksi. UEvelyne walala esibhedlele ukusuka ngoOkthoba de
kwangoFebruwari kunyaka olandelayo. Ndidibene naye apho.
EMzantsi Afrika ndichithe ixesha lam elininzi ndizama ukuthintela
iingozi zokutsha okanye ndinceda amaxhoba okutsha kodwa nakuba ndiye eGabon
ndiyokubhala ngemithi ndikhe ndanexesha lokuphola, ndibuze abantu balapho
ngabantwana abatshileyo. Ukuncokola nonoteksi osuka kwelinye ilizwe kwandisa
kuCoulibaly Soungalo, ityendyana elingunogada nelikhe lafundela ukuba
ligqwetha. Ukhawuleze waqonda ukunxanelwa kwam inkcazelo waza wazimisela
ukundinceda njengetoliki.
Zonke izibhedlele zikarhulumente zaziqhankqalazile iinyanga ezine kodwa
abantu bandixelela ngenenekazi elithile elitshe phambi kokuba kuqale
uqhankqalazo nelalisesibhedlele. UEvelyne ndiqale ukumbona apho.
Ulele apho kwisibhedlele esingenabasebenzi, egcuma ziintlungu namanxeba
akhe engabotshwanga ngamabande. Igumbi lingcolile noEvelyne kufuneka eze
namashiti neengubo zakhe ukuze ahlale apho. Ndakhangela eli nenekazi litshe
kakubi linama-24 eminyaka nendandingazi ukuba lakhe layinzwakazi xa ndabona
iifoto zalo. Ndabuza ugqirha ukuba baza kulithini, ephendula uthe:
ÒAkukho nto singayenza.
Ó EGabon akukho nogqirha nje oyedwa oyiplastic surgeon. Ukuba
kwenzekile watsha kakubi kofuneka uphile ubomi bakho nezo ziva zibi. Abantu
abangamahlwempu abanakufane baphile kuba iindlela ezimbi nezithuthi
ezingafanele kuqhutywa ezindleleni azinakufane zifike ezibhedlele kwangethuba.
UEvelyne ukwazile ukusinda kodwa ndithe ndakudibana naye wabe ephelelwe
lithemba. Ingalo yakhe yashwabana yaqina ngenxa yokutshiswa yiasidi. Uhle
nge-20 kilogram. Nogqirha uthe kunganzima ukuba alishukumise iliso lakhe
lasekhohlo ukanti akanabugcisa okanye iindlela zokubuyisa ukhozo lweliso lakhe
elonakeleyo. Liza kuhlala lithe gongxo kuba kunzima nkqu nokufumana iindodo
zamehlo eGabon.
Eli lizwe linoovimba beoyile abazisa intywenka yemali likwanezinye
izimbiwa. Linamahlathi amakhulu amaplanga amakhulu. UMongameli Omar Bongo
uhlala kwipomakazi elihle. Kodwa akukho luncedo lufumanekayo lokunyanga
uEvelyne.
Ndicele ugqirha ukuba ingadla yakhe ayibambe ndiza kubona ukuba lukho
kusini na uncedo endingalwenza. Ngokuthi krwaqu nje kanye ndaqonda ukuba kukho
okunokwenziwa ukusindisa iliso likaEvelyne kuba ngaphambili ndikhe ndanceda
umntwana owayetshe kakubi. Kodwa ndandingazi ukuba imali yotyando ndiza
kuyifumana phi, yeka indlela ekunzima ngayo ukufumana abasemagunyeni xa
bebonke. Ndintingele eMzantsi Afrika ndaza ndalungiselela ukuba uEvelyne
atyandwe eNetcare Sunninghil Hospital. Ukuze uEvelyne antingele kweli
kubangelwe nguMarysia Dusinski okwiSouth African Embassy eGabon,
ukubandakanyeka kukaCoulibaly Soungalo, ongumncedi kwintlangano yoncedo lwesisa
yaphesheya nekuthiwa yiMiracles, uncedo oluphuma kwiSizanani Catholic Mission
neAir Gabon kwanabanye abantu abaphambili ingakumbi uDavid Astor, uVernon
Ching, uMarie Antoinette Perira noJulia Ray.
Aba bantu banokubukeka bengathethi nto kuni bafundi kodwa ngeendlela
ezininzi imali yabo nemigudu yabo indikhumbuza umSamariya Olungileyo obhalwe
eBhayibhileni. Ngabantu abakulungeleyo ukupha abanako ukuze bancede uthile
bengalindele mbuyekezo. Lo mgudu ubukeka ungekazukuphela. Abanye abantu bancede
ngonyango emzimbeni emva konyaka. UEvelyne uhlala kumzana wethu. Ukwazile
ukubuyela emzimbeni, uqalise ukufunda intenetya nokusebenzisa ixesha lakhe
ukuzuza obunye ubugcisa kwikhompyutha, ukuthunga nokufunda isiNgesi.
Kodwa kusafuneka afumane utyando olukhulu nolunzulu ukuze kongulwe ulusu
emqolo ukuze kulungiswe umlomo wakhe, isilevu nentamo. ULawrence Chait
oyiplastic surgeon eJohannesburg Park Lane Clinic ucebise ukuba impumlo
inokukhuliswa okwethutyana kwibunzi likaEvelyne ize ngokuthe ngcembe ibuyiselwe
kwindawo yayo. Olo tyando lufuna i-R250 000. Ndiyathemba ukuba abantu
abanganceda banokufunyanwa ngandlelÕ ithile kuba mna okwangoku andinayo
nesenti le.
UEvelyne uxelelwe ukuba inenekazi elaliceba ukuhlasela yenye yeentokazi
zikaLouis-Martin. Siyalazi igama layo sinenkolo yokuba le asidi yayicetyelwe
ukutshisa uHuguette, hayi uEvelyne.
Umhlaseli akanakufane aziswe kwingalo yomthetho kuba eGabon akukho ncedo
lwasimahla lwezomthetho nkqu nabakuloEvelyne abanamali yakufuna igqwetha. Nkqu
naxa sifowunele iGabonese Embassy ePitoli, amagunya apho akabuye akufowunele.
Akazange amtyelele esesibhedlele kungasathethwa ke nangokuza oku neentyatyambo.
Abanye abantu abanaluvelwano kuba uEvelyne engenguye owakweli. Kwabanye
kungenxa yokuba engumntu omdala. Kodwa cinga nje Ñ ukuba ibindim
bendinokuvakalelwa njani? Umsakwethu? Intombi yam? Sinokulwa njani noku kungabi
naluvelwano xa singambonisi umhlaseli ukuba kwilizwe esiphila kulo uthando
yinto ebaluleke kakhulu kunenzondo?
Xa unokunceda uEvelyne, qhagamshelana naye apha: BRONWEN JONES, ifowuni
(011) 726, 6529, nefeksi ikwayile nombolo
Email
firechildren@icon.co.za Box 1048,
Auckland Park, 2006.
Janyuwari 17 1999.
Ukuthi
cakatha kwentombi engenabuso euzweni. Abantu abangaqhelekanga abathi beva
ubunzima benkohlakalo engenamdla namvakalelo.
Ngu-Bronwen Jones.
Eli bali laqala kwisithuba seminyaka emine eyadlulayo xa uDorah Mokoena,
owayengumntwana ngoko wathi watsha kakubi ngumlilo kumatyotyombe aseBotleng.
Ubuso bakhe kwaneengalo zazitshile. Wathi ekugqibeleni wafumana unyango, kwaza
kwathi ekuzeni kokuba ndimqonde, walala ngomqolo kwisibhedlele saseSprings,
esenkedama.
Kwisithuba seminyaka embalalwa elandelayo, unyana wam omncinci uTristan,
umhlobo wakhe uThobeka kunye nam, satyelela uDorah ngeembela veki sadlala kunye
naye. Sabona ukuba le ntwanazana ikhubazekileyo ifuna abantwana njengabahlobo
bayo nanjengentsika ebomini bayo.
NgeyoMnga wowe-1997 ndaxelelwa ukuba oogqirha babeza kukhupha amehlo
kaDorah, kuba babesithi utyhaphakile neendleko zokuwakhupha zaziphakame
kakhulu. Kodwa ababedlala kunye naye babeqonda ukuba unako ukubona, nkqu nokuba
ukubona kwakhe kwakuluzizi. Ngele kweencoko ezindengeemfono-mfono
kwaneentlanganiso nabantu ababezama ukuba ade abone kwelo lizwe lonyango,
ndagqiba kwelokuba ndifune uncedo lokusindisa oko kumfameka kwakhe.
Kwathi zakuthi ndii iindaba zikaDorah elizweni, kwavela umbuzo wokuba
ngubani oya kumkhathalela ukuba unyango lunokulungiselelwa de ndingalali
iingokuhlwa ezininzi. Ndandijongene nowam umntwana kwaye kwakufuneke ndigqibe
ekubeni lungakanani na ixesha ekwakufuneke ndiluchithili.
Ebuncinaneni ndagqiba ekubeni ndifumane unina wakhe uMargaret. Ngexesha
endathi ndaxelelwa ngalo ukuba uMargaret wayengumthinjana kwaye engenawo nomdla
emntwaneni wakhe, ndafumanisa ukuba iinkcukacha ezazigciniwe njengobungqina
zazingeyonyani.
Ngoncedo lodidi lokuqala elalivela kumapolisa lezikhululo zaseDelmas
naseBotleng, sagqogqa ematyotyombeni de uMargaret wafumaneka. Ibali lakhe
lingalingana nencwadi xa linokubaliswa kodwa kwakufuneke emanyene nomntwana
wakhe ngo Janyuwari wonyaka ophelileyo. Ngoku basisibini esivana kakhulu.
Andisayi kukholelwa nayiyo nayiphina into ekhaphu-khaphu. Kodwa yonke
inkohlakalo, ukuthingaza nokungevisisani kwagqunyelelwa luthando lukaDorah.
Kukufudumala kwabangaqhelekanga nabandibhalelayo mbombo zone zomhlaba
okundinika inkuthazo yonyaka ozayo. Kukwazeka kokuphela kwethemba ukwenza ukuba
kubekho ithemba.
Noko lonyaka uphelileyo ubungaqhelekanga. NgeyoKwindla, kwafuneka
ndilungiselele uhambo endingazange ndaluhamba ngaphambili : uhambo olusuka
ekunikezeleni ukuya ethembeni, lwaluvakala njengephupha kuba inqontsonqa
yayingaqhelekanga. Yayiluhambo oluvela kwimikhwazo yosana njengoko impumlo,
amashiyi, imilebe kwaneminwe zazitshile kutyelelo lwethu lokuqala kwibhedi
yosana kumathunzi obomi kaDorah kwanemivuyo engephi kwisoyikiso soogqirha
sokukhupha amehlo.
Kwibali leli phepha-ndaba nakwiLondon Times, ndacenga ugqirha omkhulu
wesithili owayenokufumaneka ukuza kujongana neemfuno ezizodwa zikaDorah kuba
oogqirha boMzantsi Afrika babemncamile. Iqela loogqirha lanikezela ngenkonzo
yalo kwanengcebiso. Kwiminyaka ezayo, ukulungiselela uqhaqholexa elizayo,
singabuyela kubo bonke. UMargaret wabeka intombi yakhe uDorah ebhedini yayo.
Ugqirha wamaNgesi wanceda ekunyangeni iintshiyi zika Dorah.
Ngo-Ayipreli, uDorah wahlangana nomyeni wakhe uRichard Collin
owayesaziwa ngelikaMnumzana Eyelid ngababesebenza kunye naye, wamxilonga
uDorah. UCollin namaqabane akhe kwisibhedlele iMoorfields eLondon, wabona
imifanekiso yayingagqunywanga kaDorah eyayinokubangela eyona ntlungu koogqirha.
Kodwa babeqonda ukuba ukuba banokuthi bazakhe ngokutsha iintshiyi zikaDorah,
ubomi bakhe bungaphucuka ngokugqithisileyo.
UCollin ngoku wabuyisela inkangeleko yangaphandle yemisebe
eyayinjengomngxuma ukuze uDorah abe nokufumana amandla. Wasindisa ukubona
kwakhe. Kweye Khala, uqhaqho luya kwenziwa ukuze abe namehlo akhe okwenyani.
'Ndiya kwenza isigqibo sobungakanani sobomi endiya kubuchitha'
Imbumbulu yeso eyenziwe bubushushu beso iyakususwa kwiso lakhe
lasekunene. Umsetyenzana wokuqala waqala ukudala imilebe yakhe nokumnika
isandla sakhe esimncedayo.
Ngexa amagumbi okuqhaqhela ayehlawulelwa umyinge wama £10 000
(mayela 100.000) uqhaqho. Oogqirha bamaNgesi ne-anaesthetists zanikela ngexesha
labo kwanobuchwepheshasimahla.
Into eyayimangalisa ngele komsebenzi kaCollin, yayiyeyokokuba, iintsapho
nje eBritani zathatha uDorah no Margaret zabasa ngaphakathi, zanikezela
ngamakhaya azo kwaneendwendwe ngazo zonke ezo nyanga. Ngeenyanga ezisithoba
ezadlulayo, uDorah nonina bahlala eBritani ngexa uDorah wayefumana uqhaqho
amaxesha ali-16.
Bahlala neentsapho ezazingamaqabane amadala am okanye abantu ababa
ngabahlobo emva kokuba befunde amabali ngoDorah. Ngexa iimfefe zasemaNgesini
zathi zabuyisa iindleko zokutya kwiintsapho ezithile, ngoku, uninzi lwanikezela
uncedo lwabo ngelize.
Ngaphezu kwekhulu leminyaka eyadlulayo, intwanaza encinane eyayisaziwa
ngokuba nguHelen Keller newayeza kuthunyelwa kwisibhedlele sabagula ngengqondo
njengemfama, isithulu (ngeloxa njengesimumu) kwakukholeleka ukuba umntwana
akanakuncedakala. Abanye abantu benjenjalo nakuDorah, nkqunangoku sekucetyiswa
ukuba kuya kuba ngcono ukuba wayebulewe.
Kodwa intshayelelo kaKeller ku-Anne Sullivan, intokazi eyayikrele-krele
neyayinobulali, yabutshintoha ubomi buka Helen. Ukusuka koneminyaka esixhenxe
owabonakalisa inkohlakalo yebhere esehokweni, apho kwaya kukhula intokazi
eselula, neyathi kwisithuba seminyaka engama-22 yabhala yenjenje:
"Xa
ndifunda isicatshulwa se-Illiad halo, engqondweni yam ndicinga
ngokundingqongileyo ebomini bam. Imiqobo emandla iyalibaleka, ilizwe kum
lingumnqantsa, ubude kwanobubanzi kwanezahluko zezulu zezam".
Intshukumo eqhelekileyo kuDorah, evela kubantu abaqhelekileyo jikelele
elizweni, indikhumbuza amandla awayikekayo kwanobuntu obuhlala ikakhulu
bubopheleleke kwizahlulo eziliqela zabantu. Kukhangeleka ngathi kukho imfuneko
engemandla yeminikelo yeCawa kodwa okwexesha lentlawulo yabavangeli, apho
abantu babeka incwadi yemizuzu, ngeyure kungenjalo usuku bucala, ukubuyisela
uthando kwanokukhathalelana kuluNtu.
Ndafumana mayela nama-2000 eeleta zenkuthazo, izithembiso zomthandazo,
imali kungenjalo imigudu emandla. Abantu bandixelela ukuba bamkhalela njani na
uDorah kwiinqwelo-moya nakoololiwe. Babhala imihobe ukuba ithengiswe,
bazilungiselela neehambo zezibonelelo. Balahla amacwecwe abo eminqweno emihle
yeKrismesi, izidlo zabo zeKresmesi.Kwaneehambo zabaqeshwa zolonwabo. Abantu
bafunga besithi unotshe kwakhona kwisisulu kodwa beza ngaphambili bathi:
"Asinakungamhoyi uDorah."
Iileta zeza zikumaphepha angcangcazelayo nabhalwe ngokungacacanga,
amanye ayechwetheziwe, amanye ekwipostcards. Imibhalo-ngqangi yobuntwana
neyayimilise okwentliziyo ibhalwe kumaphetshana amancinane aye enomyalezo olula
onje: "Uthando oluvela kuJulie."
Babhala ukusuka eCroydon, eCardiff nase Charibury, ukusuka eNorwich
naseNorthampton, ukusuka eTaplow naseTaverham. Kwakukho intshukumo evela kuzo
iingingqi eBritani. Ukusuka apho kweza imali yaseSpain ikwileta, enye yayivela
eGibraltar, France, Canada, kwiPhilippines, Australia, Monaco Switzerland
nase-United States. Abanye abemi boMzantsi Afrika bathumela imali kuKent kuba
beva ngengulo kaDorah kumabona-kude iSky.
Wonke ubani unesizathi sokubandakanyeka, abanye njengabazali okanye
oomakhulu beentsana, beva ngengulo kaDorah, abanye ngenxa yokunxulumana
noMzantsi Afrika okanye abanye babengaboni kakuhle. Abanye abantu
babandakanyeka kuba babecinga ukuba yinto elungileyo leyo.
Omnye umbhaleli uVicki Green wathi: "Umyeni wam wayenqwenela
ukuphumelela isabelo semali ukuze abe nokuyinikezela loo mali enkundleni"
UTudor Morgan wabhala: "Intsapho yam iza kuphisa ngobuncinane esinabo
kwintwanaza encinane ukuyinika ekufaneleyo. NoDave Adams wathi: "Enkosi kakhulu
ngokubonisa ngoDorah kuthi. Umlo oqalwe yilaa ntwanazana iingumzekelo kuthi
sonke:"
Umnikelo omncici wawu £2, omkhulu nowawungaziwa nowanikezelwa
yibhanka yamaSwiss wawuyi-£5000. Konke oko kwanceda ukwakha uqilima
olwenza uqhaqho lukaDorah lokuqala lwaba yimpumelelo.
Iguqulelwe esiXhoseni nguM.A. Ndyamara Ngomhla we- 1999-05-22
Inkonzo yeendaba zebandla lama-Anglikheni.
Intshumayelo ngu-Bhishophu omkhulu u-Carey kwinkonzo yokugqibela
eLambethi.
UBhishophu omkhulu wase Canterbury, George Carey. Nje iintsukwana
ezimbalwa phambi kokuba inkomfa iqale, iindwendwe ezimbini ezazivela eMzansi
Afrika zeza kundibona intwazana eyayikwiminyaka emine, nonina wayo owayeselula.
Igama lale ntwanaza nguDorah, kwaye ubudala beenyanga ezisixhenxe, ibobosi
awahlala kulo yena nonina, kumabobosi awayekufutshane neRhawuti, latsha.
Wavaleleka kulo, ngenxa yoko, ubuso bakhe bonakala; akanamplo-kusele nje
umngxuma; akanazindlebe namashiyi, kwaye ubona luzizi. Akanazo nkqu neengalo,
kuba zonakala kanga ngokuba kwanyanzeleka ukuba zinqunyulwe. Kodwa uDorah
ungumntu nangona engenabuso, Kwaye ngocedo loogqirha, nangothando, uthando
oludurhu lukanina namaqabane akhe, ubuso bakhe obutsha buqalisa ukubuyela
endaweni yako.
Kodwa okubalulekileyo kuDorah, nakuthi sonke, kukuba senabo ubuso
angenakwahlukana nabo; ubuso obazeka kuThixo, obungenachaphaza nobubobakhe
kuphela.
Kuziveki ezimbalwa zokugqibela ezintathu, besifunda ngeleta ejikelezayo
kaPawulosi, ekumaKorinte esibini. Kuyo, ubuso ngobuso bubalulekile. Indumasi
kaMosisi yobuso emva kokuba wadibana noThixo; obethu ubuso
obungafihlalakakanga, xa sizinikele kwilizwi likaThixo; ubunganga bukaThixo
bubonakala kuthi ngabanye ngabanye, njengoko sibona uKristu kubanye ngabanye
bethu; kuze kwisahlako sesine, kuvele umfanekiso kaPawulosi. Kuba uThixo
uzibonakalalisile kwiintliziyo zethu ukuba, kufuneka sinikele ngokukhanya
kwanolwazi lobungaka bakhe ebusweni bukaYesu Kristu.
Ubuso ngobuso (iimbuso). Esikrinini emva kwam sibone ubuso ngobuso
(iimbuso); iimbuso zezithethi, iimbuso zeemvumi, iimbuso zabanye ngabanye
njengoko ikhamera yayisifota. Phambi kokuba size apha, sasisazana omnye
ngomunye kodwa sasingazani ebusweni. Ngoku sibonene. Ukwenjenjalo, siqalise
ukubonana nokwazana ngcono. Sayiqonda neyokuba, emva kobuso ngabunye kukho
isithili esiNgcwele esiphansi kukaBhishophu kwanePhondo elikwahlukile.
Leyo yenye nje yeendumasi zentlangano yamaKristu enjengale. Ukuqalq
ukubona ukwahluka komnye komnye, ngokwahlukana kwethu, saqalisa kananjalo
ukubona into yobunganga bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu komnye komnye.
Kananjalo, kubo bonke ubuntu nenkcubeko eyahlukeneyo, kukho laa mfano
yobu-Angikheni, yobuKristu, eyobuyntu jikelele nentsukaphi yayo evela kwiziqu
ezithathu, kolwaa thando lobuntsapho lweziqu ezithathu zoThixo omnye.
Ibandla lethu lama-Anglikheni amanyeneyo layibhengeza kwakude kudala
inkolo yalo yothando lweenkcubeko ezahlukeneyo. Njengoko besilapha sonke,
sidibene, laa nkolo yokulunga kweenkcubeko ezahlukeneyo seyide yazisa amandla
novuyo kubaninzi, ngokukodwa kwiintlobo ntlobo zonqulo esithe sanazo.
Siziqondele thina ngokwethu ukuba, sibaxolise kuyo nayiphina imibuzo enzima
"ngochulumanco" Kanti ngokuchasene noko. Njengokuba ingxelo yaseVijiniya
isikhumbuza, uThixo umema abantu bakhe ukuba bazonwabise ngokwahlukana kwabo,
bakusebenzise ukwahlukana kwabo ingekuko ekungxengeni koko "ekwakheni umzimba."
Asimngcipheko wabuhlobo namvumelwano koko kukwahlulkana kwethu okuya kwenza
ukuba somelela ukuze sibe nako ukumelana nemibuzo enzima,yona esekeleze kumava
ethu enene okudumisa uThixo ebusweni buka Yesu Kristu ,njengoko sesibonile,
sibona ngawethu amehlo, phabi kobuso bomnye nomnye. "Ukwahlukana kwethu
okumanyeneyo," mandikukhumbuse, ngokumaneka kubunyulu baThixo
ngekqu,nowabonakala kuthi ngoYesu Kristu, nangokubhalwe kwauncwadi eziNgcwele
zenkozo. Obuya bunganga bunikwe thina khon'ukuze sibe nokubhiyoza nokubhengeza.
Kwaye sibubonile obuya bunganga ngeendlela ngeendlela ezininzi Laa cawa
yokuvula imangaliso kwiholo eNgcwele yeBhishopu eCanterbury, kubudlelalwane
obuhle kwanokukhululeka komnye komnye ngokukodwa kumaqela ethu amancinane
okufunda iBhayibhile, umhla wesandulela noqhutywe kakuhle kakhulu ngumhlobo
wethu uJini Vanari, kumabali abuhlungu nawamanxeba kwanentsokolo ngenxa
yendlala, ukungxwelerheka kwanemfazwe, kwanabo basakhasayo nabaphumeleleyo.
Kodwa mhlawubi ngathi kubalula ngamanye amaxesha, njengasebushushwini
nasebudeni bezinye izigabaze entlangniso nalapho kungekho miqobo ithile,
ngokukodwa xa bekukhe kwaphakanyiswa uluvo kwaza akwavunyelwana ngalo.
Kananjalo siyazi ukuba kunjani na ukusuka ``ekwahlukaneni kwethu, ntoleyo
esingayivuyela siyibhiyozele,ukuya kwinto eyahlukileyo "eyahlukileyo," kwenye
kwenye, egokelela ubushushu nokugqatsa nenokudeidale "ingxabano" ebhlungu
kakhulu. Loo nto ke, iqhubekilekule leki, akunjalo na.Kulula kakhulu nkuxabana
komnye nonmye ize loo nto yakuqhubeka idale iintanda elusatsheni. KuFuneka
sikulwe oko ukuze sijongane nentlungu siyimbumba, sifunde iziBhalo kunye,
sithandaze kunye. Khumbulani kaluko emva, laa mdlalo umangaliso "Ukungqulana
NeeNgeliso." Yayikhangeleka njegento eyayingena kwenzeka,eyokuba uYakobi akwazi
ukuba iintsikelelo zikaThixo ebusweni buka-Esawu. Kananjalo, nakuyikhumbula
impendulo yeNgelosi xa yayisezintlungwini zomzimba, yabiza intsikelelo ka
Yehova, "Uyifumene unayo intsikelelo yam. Guquka uyifumane," Kwalapho, emi emva
kwakhe, u-Esawu, wanikezela ngetsikelelo yo xolelwaniso.
Laa mdalalo usinika ingqiqo enzulu yeVangeli.Kuba inyaniso yile egameni
nasemandleni kaYesu, amaKristu asabenza nzima, ngentembeko nangentlungu
ukungena kumava naseqo ndaneni komnye nomnye umKristu ukuze abe nokufumana
ufefe luka Kristu ebethelelwe emnqamlezweni.Kule nkomfa,siqalise ukubona-kwaye
iye yasiguqula. Bhishophu yathi nge nye imini; "Okuthe yandenzela kona le
nkomfa, kukundivula ingqondo kwanentliziyo kwiindlela zokuphila nokucinga,
ngendlela engummangaliso. Kwaye kuloo nto iyonke, ndiqalisa ukubona nje
kananane ukuba inkangeleko yobuso bukaKristu injani na kwiinkcubeko ezahluke
ngokungenambaliso kweyam." Ukubaluleka kwesikubhaqileyo, nokuba sembindini koko
sikungqule sikunye. Kuba uhlobo lomanyano ebesilufuna kule nkomfa, uhlobo
lomanyano esifuna ukuluphumelelisa ngenxa yehlabathi, ayikokuba lula
kokusebenza kunye ngeengqondo neengcinga ezifanayo okanye ukunkwalambisa nje
kungekho nto haloo manyano lunzulu nolulolosapho noluthe lwalinga lwaza
lwavavanywa ingekuko nje yintlukwano yethu nothando lwethu olunzulu
kwaneentloloo-ntlobo zeemo zobome, kodwa ngokwahlukana kwethu kwanokusebenza
nzima ngoku chaseneyo singqongwe luthando olunzulu olumanyanisa usapho. Uhlobo
lomanyano oluqhaganyishele ligazi nothando. Igazi likaKristu laphalala
emnqamlezweni ukwenzela thina,nangenxa yothando olukhulu, awathi ngoko,
ngenene, wasithanela ekwiziqu ezithathu. Njengoko watshoyo uBishophu omkhulu
uGlawakho kwenye yeeSekhramente zika Kristu "Ukuziphatha kusimahla kodwa
akutshipu."
Kanjalo siya kuzikhumbula umbuso ubuso ngobuso de kube kudala emva
kwamazwi iintetho kwanezisombululo ezithe zalibaleka. Kuba uThixo awakuthetha
ehlabathini, nokwathi kwakuguqula oko, yayiyinto enkulu nkqu nakumthetho we
Nkosi owawubhalwe kumacwecwe amatye. Amacwecwe amtye ayenokuninzi okungqamene
neengcangula zamatye, iingxele kwanezisombululo. Ayeyimfuneko ukusigina
sisekhondweni elililo. Kodwa ekugqibeleni, uThixo wasebenzisa umfziselo womatye
ukufezekisa isahlulo somsebenzi kuthi sonke, phakathi kobungcwele bakhe
nokusulungeka kwakhe, kunye nolwazi lesono labantu. Ngoko ke kusemntwini
ngokwakhe ukuziqoqosha; omnye komnye, kwanabo basingqongileyo thina
behlabathini elihlwembuzekileyo, abo basibandezelayo kuba kubo sibona ubuso
bukaKristu.
Kodwa naziphina iimbandezelo eziya kolo hlobo lomanyano nesithe
saziphumelela apha, azisosiphelo zona ngokwazo, njengokuba nenkomfa ingesiso
isiphelo yona buqu.Kuphela iziqhamo ezilulutho zale ndibano iya kuba,
ekugqibeleni, koko sibuyela nako kwi Phondo eliNgawele leBishophu. Nokuba
siphumelele amadabi okuxolelanisa egameni lomthetho nokudumisa uKristu; ezi
zizinikezelo esibheka nazo emva kubantu bethu, ukutya esibaphathela kona
ukususela kwisidlo esineentetho esibe naso kunye nabo, ignuqu esibazele nayo,
ukususela kumandla athe atyhutyha kuyo le ndibano. U-T.S. Eliot, neyathiywa
ngaye ikholeji - Elioti, unento etyhulu kakhulu anga angayithetha mayela
nokuhlaziywa ngokutsha kwecawa kumdlalo wakhe, "Ilitye." Kuyinto yokuba icawa
kaThixo iya kuhlaziywa kuphela ize yakhiwe ngokutsha ukuba onke amalungu ayo
anokusebenza kunye.
"Apho izitena zithe zawa
Siya kwakha ngelitye elitsha
Apho
amaplanga abolileyo
Siya kwakha ngamaplanga amatsha
Apho ilizwi
lingathethwayo
Siya kwakha ngentetho entsha
Apho kufuneka sisebenze
kunye
Icawa yabo bonke abantu
Nomsebenzi kumntu ngamnye."
(Icatshulwe kwiikhorasi ze- Ilitye.)
Kwaye ngakho oko, boodade nabanakwe ababekekileyo, iluxanduva lwethu
eyokusuka apha sibuyisele umva izixhobo zokwakha khonukuze sibe nokuguqula
sihlaziye iicawa zethu kwiindowo esihlala kuzo, nokushumayeza bonke abantu
bethu, sandlale size simisele. Kuba ukuba sibuyisela emva amaplanga abolileyo
nadliwe ngumbungu kuphela wogxeko okanye inkolelo engaqinisekiswanga okanye
ukuba izitena zethu ibe izizitena ezidala nezimkum-nkum nezinembono
engaguqukanga; kwanokuba, ngaphe kwazo zonke, sasingavanga lizwi litsha elivela
kuThixo ukuze sibe nokubuyela nalo liyintetho entsha' kubantu bethu, bekuya
kuba ngenenesiwe phansi. Kodwa andikholwa nangomzuzu omnye ukuba siwe phansi.
Ndikholelwa kwelokuba sifunde izinto ezininzi kumava ethu obunkokeli phantsi
koxinzelelo njengoko sasimamele iintshukumo kwividiyo, zinxulumene nezifundo
zethu zeBhayibhile, seva nangamabali oloyiso nenguquphantsi koxinzelelo.
Ngaphezu kwako konke, ndiyakholwa ukuba sihlaziyeke ngokutsha ukuze sibange,
hayi nje ukwenzela thina, koko iicawa zethu ezikwinguqu, amandla amatsha
angakaKristu. Njengoko uPawulosi wabhalayo, ukuba nabani na ukuKristu, kukho
udalo olutsha, konke okunye kusukela koko.
Leyo yayiyinjongo eyinyani yenkomfa yaselambethi. Imele unqumamo,
iplanga eliseqongeni, apho sihlaziweyo emoyeni (emzimbeni nasenqondweni
ngokunjalo, ndiyathemba) silungiselelwa isigaba esilandelayo sohambo lwethu.
Iphawula isigaba ebomini bebandla lethu. Kwaye iphawula isigaba kubomi bethu
ngabanye ngabanye kwiihambo zethu. Ngako oko ke, zinto zini oya kuzithabatha
uzithathela isigaba esilandelayo sohambo lwakho, uhambo olubheka kwisithili
seBhishophu kwanolo Phondo lwakho?
Ndiyathemba uya kuthabatha ingqalelo eyomeleleyo yokuba akuwedwa.
Uyinxenye yosapho olukhulu lukaThixo, kwaye apha uye wadibana ubuso ngobuso
nabanakwenu noodade bakho bavela kwihlabathi ngokubanzi njengoko sithethile,
sathandaza, satya saza sanqula kunye sisondelelene silusapho. Ndithemba
kananjalo ukuba woba nenqondo ehlaziyekileyo yekhonkco lomthandazo
elukubophelela kubanakwakho noodade bakho kwihlabathi jikelele, nelikukhokelela
kwikhoko elishushu lothando lomthandazo elinokukunika loona.
Ndiyathemba ukuba uya kumka apha unemfundiso etyebileyo kuThixo
nekurhuqele ekucingeni nzulu ngoThixo. Ingqondo ebukhali ngommangaliso
weVangeli noThixo ngaphambili; nangokunxulumana naye ngokulula kubudlelwane
kwanothando lwakhe.
Ndiyathemba kananjalo lokuba uya kuphatha kuwe iingcinga ezintsha
nezikhuthazekileyo nezimayela nabavakalisi beVangeli kwanokushunyayelwa kwayo,
iingcinga ezintsha eziqokelelwe kwihlabathi ngokubanzi ngeendlela ezintsha
nezahlukeneyo neziceka umngeni zokuchaza ibali likaYesu.
Ndiyathemba, ngalo lonke uthando lwale ndibano siya kubanako ukuthabatha
esikuzuzileyo apha, sikuthabathele kwihlabathi kuvela kule nkomfa yaseLambethi
yeshumi elinesithathu yomelezekile lumanyano lwama-Anglikheni ezibophelele
kwabo babuthathaka, abahluphekayo nabagulayo ngokunzulu. Kwanga singaba
ngabachasi bayo nayiphi na into ethoba isidima sobuntu kubo oodade nabanakwethu
kuyo nayiphi na indawo, sivakalise amazwi ethu ngetyala lehlabathi nobuhlwempu,
sithethele abantu abatsha ize sisebenzele ubu-Anglikheni obukhulayo
nobomeleleyo kwihlabathi jikelele.
Kodwa okungaphezu kwakho konke, njengokuba usazi, oya kubuyela nako
kwisithili esiphansi kukaBhishophu, nguwe buqu: umntu othe wanguye kwezi veki
zedlulileyo. Kuba uya kukhumbula ukuba ndithe ekuqaleni, ndathi umsebenzi wethu
wokuqala njenge nkomfa, ibe ukuguqula thina buqu, Ngoko ke siya kubona ntoni
isithili esiphansi kweBhishophu ebusweni bakho, xa ubuyile? Baya kubona kuwe
ubuqaqawuli awaye ethetha ngabo uPawulosi, ubuqaqawuli obunjengobo bukaMosisi
xa wayenoThixo; ubuqaqawuli bobuso obungangqunywanga njengoko buvulekile
kwilizwi likaThixo; ngaphezu kwakho konke, eliyalitha likhanya livela kulwazi
elihlaziyiweyo lobunganga nokudumisa uThixo njengoko elibone bunkawu ebusweni
bukaYesu Kristu.
Ndifuna ukugqibela, njengoko bendiqalile, ngoDorah, laa ntwanazana
yayonakaliswe ubuso ngumlilo ngokupheleleyo, neyathi kancinane, isuntsu
ngesuntsu, kubuhlungu, yonikwa ubuso obutsha. Asimlilo kuphela onokuthi
wonakalise phantse ngokupheleleyo ubuhle bobuso bomntu. Ukudinwa kakhulu,
amathemba atshabalalayo, imibono emfiliba, intembeko engekhoyo, ukungcoliswa
ngegama, ukuphoxeka kwanokuwa phansi kwemizamo, zonke ezi zinto zingonakalisa
inkangeleko yobuso bethu. Le nto ke ingaba kwaye iya kuba ngawo amava kubanye
bethu, mhlawumbi kuninzi lwethu amaxesha ngamaxesha.
Kodwa njengokuba ubuso bukaDorah busaziwa nguThixo esezulwini, ubnjalo
nobenu. Kwaye I-intshi nge-intshi, kancinane nakabuhlungu, obuya buso bubodwa
sele ibobethu kananjalo phambi koThixo bulungiswe baza babunjwa apha kubomi
bethu basemhlabeni; Ngako oko ke, boodade nanibazalwana, njengoko nilungiselela
ukubuyela emakhaya nithabathise kwakhona ngomthwalo onzima osemangxni enu,
khumbulani ukuba uyise wenu osemazulwini uyanazi, hayi ngamagama koko ngobuso.
Kunanjalo ngenye imini, ngexesha lakhe elulunye kuye,niya kumbona, inxenye
yakhe nje, njengoko kunjalo ngoku, kodwa niyakumbona "ubuso ngobuso" Kungelo
themba noko kuzimisela, ithemba nokuzimisela okungekuko kwethu kuphela, koko
okukokwehlabathi liphela, nokugqina ukuba sidibene apha. Kungelothemba
nokuzimisela esiya kuthi sihambe siphume sivela apha siyokuxelela ihlabathi
ukuba kukho uThixo osindisayo, uThixo osenyameni, owenziwe samazi ebusweni
bukaYesu Kristu.
Njalo ke, sesifikelele kwixesha lokuthi ndithi salani kakuhle, ndithanda
ukusebenzisa amazwi ka T. S. Eliot avela kumhobe wakhe "intlawulo yokusindisa
okutshe koma" andithi hamba kakuhle kodwa ndithi hambela phambili mdadi! Ewe,
ngokwenene, kwanga sonke singahambela phambili- desifike kwinkulungwane
elandelayo (ezayo), kwikamva likaThixo nelilithemba lethu lokuba simdumisele
ubizo oluphakamileyo nesinalo kuThixo uYesu Kristu wethu.
Kodwa uPawulosi makabe nezwi lokugqibela-loo mPostile mkhulu noncwadi
yakhe inolwazi olunzulu nethe yasihluthisa kwezi veki zintathu zidlulileyo-
namazwi akhe okugqibela awabhekisa kumaKorinte angamaKristu awayo, njengathi:
"okokugqibela, bazalwana noodade
.hlalani ngoxolo; kwaye uThixo wothando
noxolo uya kuba nani! Amen. Makube njalo.
Iguqulelwe esixhoseni ngu.
M.A Ndyamara Umhla: 1999-07-16
2255 Thembisa Ext
Dimbaza 5671